8 utyhudisele kwelakwaYuda, ukhukule, udlule, ubethe emqaleni; kuthi ukunaba kwamahlelo awo kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli.
9 Bhavumani, zizwe, niqotywe; bekani indlebe, nonke mimandla ikude yehlabathi; bhinqani, niqotywe; bhinqani, niqotywe.
10 Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma; ngokuba uThixo unathi.
11 Kuba utshilo uYehova kum, eseyisa ngamandla, endithethisa ukuba ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi,
12 Ize ningàthi, Ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo.
13 UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo.
14 Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem.