1 Uthe ke ukumkanikazi waseShebha akuva ngodumo lukaSolomon nokusondela kwakhe kwigama *likaNdikhoyo, weza kumvavanya ngemibuzo enzima.
2 Wafika ke eJerusalem enehlokondiba lamaphakathi negquba leenkamela, zithwele izinongo, nento eninzi yegolide, namatye axabisekileyo, waza waya kuSolomon, wathetha naye ngazo zonke izinto ezazisengqondweni yakhe.
3 Ke uSolomon wayiphendula yonke imibuzo yakhe; ayikho into eyamxakayo ukumkani kwiingcaciso awayezifuna.
4 Ukumkanikazi waseShebha akububona bonke ubulumko bukaSolomon, ebona nelo bhotwe wayelakhile,
5 nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.
6 Wathi kukumkani: “Ingxelo endiyive kwelakowethu mayela nempumelelo yakho ndawonye nobulumko bakho kuthe kanti yinyani.