14 “UNdikhoyo uza kuzivelisela ukumkani oya kulawula kwaSirayeli, oya kuyinqamla iphele indlu kaJerobhowam. Uyabona ke ngoku, ngamaqalela ke lawo!
15 UNdikhoyo uza kuqwakanisa uSirayeli, kube ngathi kukuzama-zama kweengcongolo emanzini. Uza kumncothula uSirayeli kweli lizwe lihle kunene walipha ooyise-mkhulu. Uya kumsarhaza phesheya komlambo iEfrati. Kaloku uNdikhoyo bamcaphukise ngokwenza izibonda ezifanekisa uAshera.
16 Ngenxa yezono azenzileyo uJerobhowam, nangenxa yokuba ewexule noSirayeli, uNdikhoyo uza kumncama uSirayeli.”
17 Ke kaloku umka-Jerobhowam waphakama wemka waya eTirza. Wathi nje ukuba athi cakatha kumnyango wendlu yakhe, yasweleka inkwenkwe leyo.
18 Bayingcwaba, waza wonke uSirayeli walila ngenxa yayo ngokomlomo kaNdikhoyo kwisicaka sakhe umshumayeli uAhiya.
19 Ke kaloku ezinye iziganeko zolawulo lukaJerobhowam, iimfazwe nokuphatha kwake, nâzo kwincwadi yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
20 Walawula iminyaka emashumi mabini anambini, waza waphumla kooyise. Ezihlangwini zakhe ke kwangena unyana wakhe uNadabhi walawula.