13 UEliya wathi kuye: “Musa ukoyika. Goduka wenze njengoko uthethile. Kodwa ke kuqala yenzela mna iqebengwana lesonka ngaloo nto unayo, uze ulizise apha kum, kamva ke wenzele wena nonyana wakho lowo.
14 Kaloku utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Loo ngqayi yomgubo ayiyi kuphela, naloo ndebe yamafutha ayiyi kuphela, yohlala kude kube yiloo mini ayinethisa ngayo imvula uNdikhoyo kweli lizwe.’ ”
15 Umhlolokazi lowo ke wemka waza wenza ngokomyalelo kaEliya. Kwahlala kukhona ke ukutya okwanele uEliya nomhlolokazi lowo nosapho lwakhe.
16 Kaloku loo ngqayi yomgubo zange iphele, kananjalo naloo ndebe yamafutha ayiphelanga, ngokomlomo kaNdikhoyo kuEliya.
17 Ekuhambeni kwethuba ke unyana waloo mhlolokazi wayengumnikazi ndlu, wahlabeka wagula. Wakhula umkhuhlane ayabi kuko, waza ke ekugqibeleni wayeka ukuphefumla.
18 Wabhekisa kuEliya umhlolokazi, wathi: “Undenza ntoni kodwa, mntundini kaThixo? Ngaba apha uze kundikhumbuza ngezono zam, ubulala unyana wam nje?”
19 UEliya waphendula wathi: “Mzise apha kum unyana wakho lowo!” Wamthatha ke apho kuloo mhlolokazi, waza waya naye kwigumbi eliphezulu, apho wayehlala khona, wafika wamlalisa kumandlalo wakhe.