1 Ke kaloku uAhabhi waxelela umkakhe uJezebhele ngako konke awayekwenzile uEliya, nendlela ababulele ngayo abashumayeli bakaBhali ebaqhushek' ikrele.
2 Ngoko ke uJezebhele wathumela kuEliya esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba lide lafika ingomso ungekabi njengabo abo bashumayeli bakaBhali.”
3 Akuluva olo daba uEliya woyika, wabaleka, esindisa ubomi bakhe. Uthe akufika eBheshebha kwelakwaJuda, walishiya khona ihlakani lakhe.
4 Ke yena wathatha uhambo lwemini enye, wangena entlango. Wathi ke akufumana umthi wonwele, wahlala phantsi kwawo, wathandazela ukuba afe. Wathi: “Kwanele ngoku, *Ndikhoyo! Buthathe ubomi bam; kuba andilunganga ukugqitha oobawo.”
5 Wasuka ke wangqenqa apho phantsi kwaloo mthi wonwele, wasindwa bubuthongo, walala.Kwabonakala isithunywa sezulu, samshukumisa uEliya, sathi: “Vuka, utye!”