8 Ewe, isicaka sakho esi siphakathi kwabantu obanyulileyo, ihlokondiba labantu abayinyambalala engenakubalwa.
9 Ngoko ke mna sicaka sakho ndiphe intliziyo enobulumko, ukuze ndikwazi ukubalawula abantu bakho, ndiwazi umahluko phakathi kokulungileyo nokubi. Kaloku akakho umntu onganako ukuyilawula le ndimbane yaba bantu bakho.”
10 Ke kaloku iNkosi yakholiswa sesi sicelo sikaSolomon.
11 Ngoko ke uThixo wathi kuye: “Ngenxa yokuba ucele ngolu hlobo, awazicelela ubomi obude okanye ubutyebi, awucelanga nokuba kubulawe iintshaba zakho, koko ucele ubuchule bokuthetha amatyala ngobulungisa,
12 ke mna ke ndiza kukunika ngokwesicelo sakho. Ewe, ndiza kukupha intliziyo enobulumko nengqiqo ukuze ube yimbalasane kubo bonke abantu, kungaze kubekho mntu ufana nawe kwabaphile ngaphambi kwakho nabaya kulandela emva kwakho.
13 Ngaphezulu ke ndiza kukunika nezo zinto ungazicelanga – ubutyebi nesihomo – ukuze ebomini bakho bonke ungabi nantanga kubo bonke ookumkani.
14 Ukuba ke uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo nemithetho yam njengoDavide uyihlo, ndokuthi jize ngobomi obude.”