16 UYehowashe waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli. UJerobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.
17 Ke uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli.
18 Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Amaziya, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
19 Bamenzela iyelenqe eJerusalem, waza wabalekela eLakishe, kodwa bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulala khona.
20 Wabuyiswa ngehashe, waza wangcwatyelwa eJerusalem phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide.
21 Ke amaJuda xa ewonke athatha uAzariya, ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. UAzariya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.
22 Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.