25 Nguye owabuyisela imida yelakwaSirayeli ukusukela kwinkalo yeHamati ukuya kuLwandle oluFileyo, ngokwelizwi likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli elo walithetha ngesicaka sakhe uJona unyana ka-Amitayi umshumayeli waseGati-hefere.
26 Ke kaloku uNdikhoyo wabubona ubuhlungu awayekubo amaSirayeli ephela, akhululekileyo namakhoboka. Ewe, ayebandezelekile kungekho bani wokuwasiza.
27 Ukanti ke uNdikhoyo wayengatshongo ukuba uya kulibhangisa kuphele igama likaSirayeli ehlabathini, ngoko ke wamhlangula uSirayeli ngesandla sikaJerobhowam unyana kaYehowashe.
28 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaJerobhowam nemisebenzi nemizabalazo yakhe kwezemfazwe, ndawonye nendlela awayibuyisela kuSirayeli ngayo iDamasko neHamati, ndawo ezo yayizezakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
29 UJerobhowam waya kuphumla kooyise, ookumkani bakwaSirayeli, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uZakariya.