28 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.
29 Ngexesha likaPeka, ukumkani wakwaSirayeli, ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere weza wafika wathimba i-Iyon, iAbhele-bhete-mahaka, iYanowa, iKedeshe, neHazore. Wayithimba neGiliyadi ndawonye neGalili (lonke elikaNafetali), waza abemi wabafudusela eAsiriya.
30 Ke uHosheya unyana kaEla wamenzela iyelenqe uPeka unyana kaRemaliya. Suka wamhlasela wambulala, waza wangukumkani esikhundleni sakhe xa uYotam unyana kaUziya wayekunyaka wamashumi amabini elawula kwaJuda.
31 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaPeka, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
32 Ngonyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli, uYotam unyana kaUziya wakwaJuda waqalisa ukulawula.
33 Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki.
34 Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.