12 Babephi *oothixo bezizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo-mkhulu? Abazihlangula ngani ke? Oothixo baseGozan, eHaran, eRezefe, nabo babantu base-Eden ababeseTelasare!
13 Uphi ngoku ukumkani waseHamati, nowaseArpadi, nokumkani wesixeko saseSefarvayim? Yena owaseHena nowaseIva uphi?’ ”
14 Ezo zigidimi zamnika loo leta uHezekiya, waza ke yena wayifunda, wayithatha waya nayo endlwini *kaNdikhoyo, wafika wayandlala phambi koNdikhoyo.
15 Wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena wawadala amazulu kwanehlabathi.
16 Kaloku ke, Ndikhoyo, khawubek' iindlebe uphulaphule. Vula amehlo akho ujonge, Ndikhoyo. Khawuweve la mazwi awathumeleyo uSenakeribhe, ethuka uThixo ophilayo.
17 Sivile, Ndikhoyo, ukuba ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe kunye nemihlaba yazo.
18 Oothixo bazo wabafaka emlilweni, wabatshabalalisa; kuba kakade babengethixo, koko yimifanekiso eqingqwe zizandla zabantu ngomthi nangelitye.