2 Yookumkani 23:2-8 XHO96

2 Wahamba waya endlwini *kaNdikhoyo kunye namadoda akwaJuda, nabantu baseJerusalem, ababingeleli nabashumayeli. Ewe, waqokelela umntu wonke, eqalela komncinci aye komdala. Wabafundela onke amazwi encwadi yomnqophiso, leyo yayifunyenwe endlwini kaNdikhoyo.

3 Ukumkani wema ngasentsikeni, wawuhlaziya umnqophiso kunye noNdikhoyo, ethembisa ukulandela uNdikhoyo, ayithobele imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yakhe, oko ekwenza ngomxhelo wakhe wonke, ngokwamazwi aloo mnqophiso wawubhalwe apho encwadini. Nabantu ke bathembisa bazibophelela apho emnqophisweni.

4 Ukumkani wayalela umbingeleli omkhulu uHilekiya, nababingeleli abanganeno kwakhe, nabagcini-mnyango, ukuba bazisuse apho endlwini kaNdikhoyo zonke izinto ezazenzelwe uBhali noAshera neenkwenkwezi. Zonke ezo zinto wazitshisela ngaphandle kweJerusalem kwezo ntili zeKedron; ke lona uthuthu waluthatha walusa eBhetele.

5 Wabadenda abo babingeleli banqula *izithixo, abo babemiselwe ngookumkani bakwaJuda ukuze benze iziqhumiso kwiindawo eziphakamileyo zonqulo kwiidolophu zakwaJuda, nakwezo zingqonge iJerusalem. Abo ke babesenzela uBhali iziqhumiso, besenzela ilanga, inyanga, nazo zonke iinkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni.

6 Intsika ka-Ashera wayincothula endlwini kaNdikhoyo, wayisa kwintili yeKedron ngaphandle kweJerusalem, wayitshisela khona. Wayisila yaluthuli, waza olo thuli lwayo walusarhaza phezu kwamangcwaba abantu.

7 Wawachitha amagumbi awayehlala amahenyu apho endlwini kaNdikhoyo, apho abafazi babezalukela khona iimpahla zika-Ashera.

8 UJosiya wabaqokelela bonke ababingeleli kwiidolophu zakwaJuda, waza wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, eqalela eGebha, wathi xhaxhe ngeBheshebha, ndawo ezo babeqhumisa kuzo ababingeleli abo. Wazidiliza izibingelelo emasangweni phaya, ekungeneni kwisango likaYoshuwa unolali elingasekhohlo kwisango lesixeko.