5 Wabadenda abo babingeleli banqula *izithixo, abo babemiselwe ngookumkani bakwaJuda ukuze benze iziqhumiso kwiindawo eziphakamileyo zonqulo kwiidolophu zakwaJuda, nakwezo zingqonge iJerusalem. Abo ke babesenzela uBhali iziqhumiso, besenzela ilanga, inyanga, nazo zonke iinkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni.
6 Intsika ka-Ashera wayincothula endlwini kaNdikhoyo, wayisa kwintili yeKedron ngaphandle kweJerusalem, wayitshisela khona. Wayisila yaluthuli, waza olo thuli lwayo walusarhaza phezu kwamangcwaba abantu.
7 Wawachitha amagumbi awayehlala amahenyu apho endlwini kaNdikhoyo, apho abafazi babezalukela khona iimpahla zika-Ashera.
8 UJosiya wabaqokelela bonke ababingeleli kwiidolophu zakwaJuda, waza wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, eqalela eGebha, wathi xhaxhe ngeBheshebha, ndawo ezo babeqhumisa kuzo ababingeleli abo. Wazidiliza izibingelelo emasangweni phaya, ekungeneni kwisango likaYoshuwa unolali elingasekhohlo kwisango lesixeko.
9 Nangona ababingeleli beendawo eziphakamileyo zonqulo babengasebenzi kwiqonga likaNdikhoyo eJerusalem, kodwa babesitya isonka esinganyuswanga kunye noogxa babo abangababingeleli.
10 UJosiya wayibhangisa iTofeti eyayikwintili yeBhen-hinom, ukuze ingabi sasetyenziselwa ukwenzela uMoleki amadini ngabantwana.
11 Apho esangweni elingena endlwini kaNdikhoyo wawasusa loo mahashe ayenikezelwe ngookumkani bakwaJuda elangeni. Ayesenkundleni ngakwigumbi legosa ekwakuthiwa nguNatan-meleki. Neenqwelo ezazinikezelwe kwilanga wazitshisa.