2 Yookumkani 5:21-27 XHO96

21 Waxhabasha ke uGehazi emva koNahaman. Uthe uNahaman akumbona ebaleka esiza ngakuye, suka wehla enqwelweni yakhe wamhlangabeza. Wabuza wathi: “Ngaba akukho nto yonakeleyo na kodwa?”

22 UGehazi uphendule wathi: “Hayi, akukho monakalo. Nto nje inkosi yam indithumile isithi: ‘Kukho bafana babini beqela labashumayeli abakhov' ukufika, bephuma kweleentaba lakwaEfrayim. Ngoko ke nceda ubaphe amawaka amathathu esiliva nezambatho ezibini zokutshintsha.’ ”

23 UNahaman waphendula esithi: “Ewe, kukuwe; ungawafumana amawaka amathandathu esiliva.” Wacenga ke esithi uGehazi makawamkele, waza ke loo siliva wayifaka kwiingxowa ezimbini, wamnika nezo zambatho zibini zokutshintsha. Ke uNahaman loo mthwalo wawunikela kwizicaka ezibini, zamandulela uGehazi ziwuphethe.

24 Akufika endulini uGehazi wawuthatha loo mthwalo apho kwizicaka, waya kuwubeka endlwini. Ke zona izicaka ezo wazindulula zemka.

25 Kamva ke wangena waya kwinkosi yakhe uElisha.UElisha wabuza ke wathi: “Uvela phi na, Gehazi?”UGehazi waphendula wathi: “Hayi, nkosi yam, isicaka esi sakho asiveli ndawo!”

26 Waza ke uElisha wathi kuye: “Andithi na kaloku umoya wam ubukunye nawe okuya laa ndoda ibisihla enqwelweni ikuhlangabeza? Uthi ngaba eli lixesha lokwamkela imali, okanye impahla, izinquma, izidiliya, imihlambi yeegusha neyeenkomo, okanye izicaka ezibhinqileyo nezingamadoda?

27 Ngoko ke iqhenqa likaNahaman liya kuthi nca kuwe nakwisizukulwana sakho naphakade.”Ewe, uGehazi wathi esimka apho kuElisha wayeseleneqhenqa, emhlophe qhwa oku kwephepha!