1 Iqumrhu labashumayeli lathetha noElisha lathi: “Le ndawo sihlala kuyo kunye nawe incinci gqitha, ayisilingani.
2 Masiye eJordan, ibe ngulowo nalowo azigawulele isibonda, ukuze sizakhele indawo yokuhlala khona.”Ke uElisha wavuma, wathi: “Yiyani.”
3 Omnye wabashumayeli wathi: “Awungehambi nazo na izicaka zakho, nkosi yam?”UElisha wathi: “Nam ndiyaya.”
4 Waza wahamba nabo. Baya ke eJordan, baza bagawula imithi khona.