2 Yookumkani 7:9-15 XHO96

9 Asuka athi enye kwenye: “Asilungisi xa sisenjenje. Le yimini yeendaba ezimnandi, ibe ke thina naku sizigcine kuthi. Ukuba siyalinda kukhanye siya kufikelwa sisohlwayo. Ngoko ke masihambe kwangoku, siye kuxela ezi ndaba komkhulu.”

10 Ahamba ke, afika abiza abalindi bamasango, abaxelela athi: “Besiye phaya kwikampu yamaSiriya, saza safika kungekho nalo mnye umntu khona. Hayi, akukho nesandi esi somntu khona! Into ekhoyo ngamahashe, needonki ezibotshelelweyo. Iintente zisenjengoko bezinjalo nazo.”

11 Abalindi-masango ke nabo bakhwaza babhengeza iindaba ezo apho komkhulu.

12 Ukumkani wavuka ebusuku njalo, wathetha namaphakathi akhe, wathi: “Nantsi into asenze yona ama-Aram. Ayazi ukuba siyalamba, ngoko ke ayishiyile ikampu yawo, aya kuzimela emaphandleni, esithi: ‘Xa bephuma esixekweni siya kubabamba bephila, size ke sisifikele isixeko.’ ”

13 Elinye iphakathi lathi: “Masikhuphe amadoda athile, athathe amahashe amahlanu kwaseleyo apha esixekweni. Isiphelo sawo sofana nawo onke amaSirayeli, la asele apha esixekweni. Ewe, nawo oba selelindelwe kukufa njengawo onke amaSirayeli. Ngoko ke masiwathume ukuba aye kuqonda ukuba kuhle ntoni na.”

14 Ngoko ke bakhetha iinqwelo ezimbini namahashe azo, waza ukumkani wazithumela ekhondweni lomkhosi wama-Aram, esithi: “Hambani niye kuqonda ukuba kuhle ntoni na.”

15 Awalandela ke ada aya kufika eJordan. Yonke ke loo ndlela ayifumana ineempahla nezixhobo zama-Aram, zifane zathi saa, oko bezishiywe ngama-Aram xa abalekayo. Zajika ke ezo zigidimi, zaya kuxelela ukumkani.