1 Ke kaloku uElisha wayethethe nalaa mfazi wayephilise unyana wakhe, wathi: “Khawuhambe uye kuzifunela indawo yokuhlala noba kuphi na apho ungayizuza khona, ze ukhe uthi chu khona okwexeshana, kuba *uNdikhoyo umisele imbalela eya kuthatha iminyaka esixhenxe kulo mhlaba.”
2 Umfazi lowo ke wenza njengoko wayeyalelwe ngumfo wakwaThixo. Wemka nosapho lwakhe, waya kuhlala kwelamaFilistiya loo minyaka isixhenxe.
3 Emva kwaloo minyaka isixhenxe wabuya ke kwelamaFilistiya, waza waya kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo.
4 Ke ukumkani wathetha noGehazi ihlakani lomfo wakwaThixo, wathi: “Khawundixelele ngayo yonke imisebenzi emikhulu eyênziwa nguElisha.”