2 Umfazi lowo ke wenza njengoko wayeyalelwe ngumfo wakwaThixo. Wemka nosapho lwakhe, waya kuhlala kwelamaFilistiya loo minyaka isixhenxe.
3 Emva kwaloo minyaka isixhenxe wabuya ke kwelamaFilistiya, waza waya kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo.
4 Ke ukumkani wathetha noGehazi ihlakani lomfo wakwaThixo, wathi: “Khawundixelele ngayo yonke imisebenzi emikhulu eyênziwa nguElisha.”
5 Uthe ke uGehazi esachubela ukumkani indlela uElisha awayebaphilisa ngayo nabafileyo, suka umfazi lowo waphiliselwa unyana wakhe nguElisha, wangena, eze kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo.UGehazi ke wathi: “Tyhini, nanku loo mfazi, mhlekazi kumkani! Naloo nyana wakhe wavuswa efile nguElisha, nguye lo.”
6 Ukumkani ke walanda loo ngcombolo apho kuye, waza ke wamchazela.Ngoko ke ukumkani wamnikezela kwesinye isicaka, wathi kuso: “Nika lo mfazi yonke into eyeyakhe, ndawonye nengeniso yomhlaba wakhe ukusukela kumhla walishiya eli lizwe kude kube namhlanje.”
7 UElisha ke waya eDamasko, wafika uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram egula. Uthe ke ukumkani lowo akuva kusithiwa: “Umfo wakwaThixo nanko efika apho,”
8 wathetha noHazayeli wathi: “Thatha isipho, uhambe uhlangabeze lo mfo wakwaThixo, uze ubuzise ngaye kuNdikhoyo ukuba ngaba ndiza kuphila na.”