1 *Umshumayeli uElisha wabiza omnye weqela labashumayeli, wathi kuye: “Finyeza iingubo zakho, uthathe eli qhaga linamafutha omnquma, uye eRamoti yaseGiliyadi.
2 Wakufika khona uze ukhangele uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi. Uze umthathe umke naye koogxa bakhe, ningene kwelona gumbi likude ngaphakathi.
3 Nakuba nilapho ke uze uthathe eli qhaga lamafutha omnquma, umthambise umgalele ngawo entloko, uthi: ‘Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ Wakugqiba ke, vula umnyango, ubaleke umke ngokukhawuleza.”
4 Ngoko ke loo mfana ungumshumayeli waya eRamoti yaseGiliyadi.
5 Efikile ke khona wafumana iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zihleli ndawonye. Wathi: “Ndinomyalezo wakho, njengele!”UYehu wabuza wathi: “Uxela bani kanye?”Ke yena waphendula wathi: “Nditsho wena, njengele.”
6 UYehu waphakama, wangena endlwini. Ke yena umshumayeli lowo wathatha iqhaga elo, wagalela uYehu ngamafutha entloko, wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani wosapho lukaNdikhoyo, uSirayeli.