11 Ukuba loo mntu akanako ukunikela nangamahobe amabini, okanye amavukuthu, wozisa ikhilogram yomgubo wengqolowa, enze ngawo umnikelo. Akayi kugalela mafutha omnquma nantlaka yesiqhumiso kuwo, kuba asingomnikelo wakutya lo, koko eli lidini lokucamagushela isono.
12 Wowunika umbingeleli, yena athathe kangangesandla, eqondisa ukuba wonke unikelwa kuNdikhoyo, aze ke awutshise apho eqongeni phezu kweminikelo enikelwa kuNikhoyo ngomlilo. Lo ngumnikelo wokucamagushela isono.
13 Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela loo mntu idini, aze axolelwe nasiphi na isiphoso esinjengezi sezikhankanyiwe. Umgubo oseleyo woba ngowombingeleli, kanye njengoko kunjalo xa kwenziwa umnikelo wokutya.
14 *UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo:
15 Xa umntu one engaqondanga ngokutyeshela iimfanelo zikaNdikhoyo, loo mntu makathathe emhlambini wakhe inkunzi yegusha engenasiphako, okanye eyebhokhwe, eze nayo kuNdikhoyo, ibe yintlawulelo. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo wesiliva.
16 Makahlawule neliya lokutyeshela iimfanelo zikaNdikhoyo, aze ongeze isinye esihlanwini. Ke yena umbingeleli womenzela idini ngenkunzi leyo ngenxa yesono sakhe, aze asixolelwe eso sono.
17 Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.