28 Kodwa ukuba kukho onithele thsuphe ukuba nitya ukutya kwedini, musani ukukutya ke oko kutya, ngenxa yalowo unixeleleyo, nangenxa yesazela.
29 Anditsho esenu, ndixela esakhe. “Ke, ingathini inkululeko endinayo yokuzikhethela into emandiyenze ukulawulwa sisazela somnye umntu?” Ubani angabuza atsho,
30 aqhube ngelithi: “Ukuba ndiyambulela uThixo ngesabelo sam esidlweni, ndisagxekelwani ngokutya endimbulela ngako uThixo?”
31 Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo.
32 Ziphatheni ngohlobo lokuba ningaphazamisi bani, nokuba ngumJuda, nokuba ngumGrike, nokuba ngowebandla likaThixo.
33 Xelisani mna, mna ndizama ukwanelisa wonke ubani ngento endiyenzayo. Andenzeli kulungelwa kwam phofu, koko ukulungelwa komntu wonke, ukuze bonke basindiswe.