9 Masingamlingi uKrestu njengokuba babesenjenjalo abanye babo, baza babulawa ziinyoka.
10 Musani ukukrokra njengoko babesenjenjalo abanye babo, waza uThixo wabatshabalalisa.
11 Zonke ezi zinto zabahlelayo ziyimizekelo. Zabhalelwa ukuba zibe sisilumkiso kuthi, thina sidla ubomi kumaxesha okugqibela.
12 Nabani na ozicingela ukuba umile makalumke angawi.
13 Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.
14 Nani ke, zihlobo zam, kucezeleni ukunqula izithixo.
15 Ndithetha nani njengabantu bengqiqo, ngoko ke yicaluleni ngokwenu le nto ndiyithethayo kuni.