1 Hambani ekhondweni lam, njengoko mna ndihamba ekhondweni likaKrestu.
2 Ndiyanincoma ngokusoloko nindikhumbula, nizigcina nezithethe endininike zona.
3 Kambe ke ndifuna nicacelwe kukuba njengoko uKrestu ongamele indoda nganye, yindoda eyongamele umkayo, nanjengoko uKrestu onganyelwe nguThixo.
4 Ngoko ke indoda ethandazayo okanye eshumayelayo enkonzweni ithwele into entloko, iyamhlaza uKrestu.
5 Kwaye nawuphi na umfazi othandazayo okanye oshumayelayo enkonzweni, engathwele nto entloko, uyayihlaza indoda yakhe; loo mfazi akahluke nganto kumfazi onenkqayi!
6 Ukuba akathwali nto, makasuke agugule intloko kube kanye. Njengoko kulihlazo ukuba umntu obhinqileyo achetywe okanye abe nenkqayi, umfazi ke makathwale.