1 Mawethu, ngokuya bendinihambele ukuze ndinazise iindaba zikaThixo ebezingaziwa mntu, andizanga ngabuciko bakuthetha nalwazi.
2 Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
3 Ndathi ke, ndakufika kuni, ndaba ngobuthathaka, ndinoloyiko, ndigubha kakhulu.
4 Ukuthetha kwam nokuvakalisa kwam uKrestu akubanga ngabuciko. Hayi, kube kukubonakalisa amandla oMoya kaThixo.
5 Ngoko ke ukholo lwenu malungaxhomekeki bucikweni bamntu, kodwa malusekelwe ngamandla kaThixo.