13 Ezi zinto ke sizithethayo asizithethi ngabuciko sibunikwe ngumntu, kodwa sizithetha ngobulumko esibunikwe nguMoya oyiNgcwele. Sicacisa izinto ezizezoMoya ngamazwi esiwanikwa nguMoya.
14 Ke umntu ongenaye uMoya akazamkeli izinto zoMoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye. Kaloku akanakuziqonda, kuba ukuxabiseka kwazo kuqondwa kuphela ngulowo ukhokelwa nguMoya.
15 Ke umntu okhokelwa nguMoya okunene uyakwazi ukuzicalula zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akanakuphengululwa ngabangakhokelwa nguMoya.
16 Kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:“Ngubani na ozaziyo iingcamango zeNkosi;ingubani na onako ukuyicebisa?”Kaloku thina sicinga nto-nye noKrestu.