1 Nam ke, mawethu, bendingenako ukuthetha nani ngendlela endithetha ngayo nabo banaye uMoya, kodwa kwakufuneka ndithethe nani ngendlela endithetha ngayo nabo baselula, baseziintsana kwihambo yobuKrestu.
2 Ndaniseza ubisi, andanipha kutya kuqinileyo, kuba naningekakufaneli. Kanti ke unangoku anikakufaneli,
3 kuba nisaziphethe ngokwesimo esidala. Kaloku xa ninomona, neenkani, nixabana, niziphatha ngokwesimo esidala, nilinganisa abantu.
4 Kakade anilinganisi bantu xa omnye athi: “Mna ndingokaPawulos,” wumbi athi: “Mna ndingoka-Apolo”?