3 Ke mna andikunanze nganto ukuziphendulela kuni okanye enkundleni eyeyabantu. Ewe, nam andiziphicothi ngokwam.
4 Akukho nto ndinasazela ngayo, kodwa loo nto ayithethi kuthi ndimsulwa. Kaloku umgwebi wam yiNkosi.
5 Ngoko ke musani ukugweba mntu ngaphambi kwexesha lokufika kweNkosi. Yona iya kuzityhila izinto zobumnyama ezifihliweyo, ekufikeni kwayo, iziveze ekuhleni iingcinga zabantu. Wothi ke elowo nalowo awongwe nguThixo ngokumfaneleyo.
6 Ezi zinto, mawethu, ndizilinganisela ngam noApolo ngenxa yenu, ukuze nifunde kuthi apha, nize ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo, ningabi nakratshi. Ke musani ukuqhayisa ngothile nize nimdele omnye.
7 Kambe ngubani othe wena ubalulekile kunabanye; iyintoni yona onayo ongayiphiwanga nguThixo? Phofu ke, ukuba uphiwe, uqhayiselani ngokungathi akuphiwanga?
8 Ngathi senide nadikwa njê; ngathi senizizityebi njê; ngathi senide naziinkosi njê, ndingekabi yiyo nam! Akwaba beniziinkosi nyhani-nyhani, ukuze nam ndibuxhamle ubukhosi obo benu!
9 Kuba kum ngathi uThixo thina *bathunywa bakhe usinika eyona ndawo iphantsi, ngathi singabamiselwe ukufa, senziwe umboniso oyintlekisa ehlabathini, kwizithunywa zezulu nasebantwini.