1 Xa kukho umntu phakathi kwenu onento afuna ukumangalela omnye ngayo, angathini ukusuka aye kummangalela enkundleni, ukuze ityala lakhe lithethwe ngabangengomakholwa? Kutheni le nto angalisi kumakholwa nje ityala lakhe?
2 Anazi na ukuba amakholwa aya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi liya kugwetywa nini, ningathini ke ukuxakwa kukuthetha nawona mancinci amatyala?
3 Thina siya kugweba nkqu nezithunywa zezulu, singathini ukuxakwa kukugweba izinto zobu bomi?
4 Ningathini ke ukusuka niye ematyaleni ngezinto zobu bomi, ukuze amatyala enu athethwe ngabantu abangento ebandleni?
5 Niyazihlazisa ke khona! Ngaba akukho nasinye na isilumko phakathi kwenu esinokuwalamla amakholwa?