7 kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam lo. Kodwa ke elowo unesakhe isiphiwo ababalwe ngaso nguThixo. Omnye uba nesipho esithile, wumbi abe nesinye.
8 Ke kwabangatshatanga nabahlolokazi ndithi kubalungele ukuba bahlale njengam.
9 Kodwa ke, ukuba abanakuzibamba, mabatshate, kuba kulungile ukutshata kunokutshiseka.
10 Ke kwabatshatileyo ndinomyalelo, ongenguwo owam, ongoweNkosi. Lo myalelo ke ngowokuba umfazi otshatileyo makangahlukani nendoda yakhe.
11 Kambe ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angatshati, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe. Indoda ke yona mayingamali umkayo.
12 Ngokubhekiselele kwabanye asinamyalelo siwunikwe yiNkosi. Kodwa mna ndithi kubo, ukuba kukho kholwa lithile linomfazi ongelokholwa, aze umfazi lowo athande ukuhlala nalo, malingahlukani naye.
13 Nomfazi onendoda engelokholwa, ize yona ithande ukuhlala naye, makangahlukani nayo.