14 Ngokunjalo ke iNkosi iyalele ukuba abo bashumayela iindaba ezimnandi zikaThixo baphile zizo.
15 Kodwa ke mna andikawabangi la malungelo, futhi ke nokubhala oku andizami kubanga wona. Hayi, ndixolele ukufa endaweni yokwenjenjalo! Akukho namnye uza kulijika ilungelo lam lokuqhayisa, alenze amazwi alambathayo.
16 Nokuba ndiyashumayela, andinalungelo lakuqhayisa ngaloo nto. Kaloku ndithunywe ukushumayela. Ngoko ke kungayinto embi gqitha xa ndingazishumayeli iindaba ezimnandi.
17 Ukuba bendisebenza ndingathunywanga, bendingade ndilindele umvuzo. Kodwa ke ngoku ndisebenza kuba ndinyanzelekile. Ngoko ke ndifezekisa into elindelekileyo ukuba ndiyenze.
18 Uyintoni ke umvuzo wam? Lilungelo lokuba ndizishumayele iindaba ezimnandi ndingahlawulisi, ndingawabangi amalungelo am ngokushumayela iindaba ezimnandi.
19 Ndikhululekile; kodwa naxa kunjalo ndizenza isicaka sabantu bonke, ukuze ndizuze babe baninzi kangangoko kunokwenzeka.
20 Xa ndisebenza namaJuda, ndiziphatha njengawo, ukuze ndiwazuze. Nangona mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha ngathi ndiphantsi kwawo xa ndisebenza nâbo baphantsi kwawo, ukuze ndibazuze.