17 Ukuba bendisebenza ndingathunywanga, bendingade ndilindele umvuzo. Kodwa ke ngoku ndisebenza kuba ndinyanzelekile. Ngoko ke ndifezekisa into elindelekileyo ukuba ndiyenze.
18 Uyintoni ke umvuzo wam? Lilungelo lokuba ndizishumayele iindaba ezimnandi ndingahlawulisi, ndingawabangi amalungelo am ngokushumayela iindaba ezimnandi.
19 Ndikhululekile; kodwa naxa kunjalo ndizenza isicaka sabantu bonke, ukuze ndizuze babe baninzi kangangoko kunokwenzeka.
20 Xa ndisebenza namaJuda, ndiziphatha njengawo, ukuze ndiwazuze. Nangona mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha ngathi ndiphantsi kwawo xa ndisebenza nâbo baphantsi kwawo, ukuze ndibazuze.
21 Kwangaloo ndlela, xa ndiphakathi kweentlanga ezingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha njengazo. Le nto ke ayithethi kuthi andiwuthobeli umthetho kaThixo, kuba eneneni ndiphantsi komthetho kaKrestu.
22 Xa ndiphakathi kwabantu abasephantsi kwesithethe ndiba njengabo, ukuze ndibazuze. Ngoko ke ndiba zizinto zonke kubantu bonke, ukuze ndiyisindise inxalenye yabo xa kunokwenzeka.
23 Le nto xa iyonke ndiyenza ngenxa yeendaba ezimnandi, khon' ukuze ndibe nenxaxheba kwiintsikelelo ezifumaneka ngenxa yazo.