19 Ndikhululekile; kodwa naxa kunjalo ndizenza isicaka sabantu bonke, ukuze ndizuze babe baninzi kangangoko kunokwenzeka.
20 Xa ndisebenza namaJuda, ndiziphatha njengawo, ukuze ndiwazuze. Nangona mna ngokwam ndingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha ngathi ndiphantsi kwawo xa ndisebenza nâbo baphantsi kwawo, ukuze ndibazuze.
21 Kwangaloo ndlela, xa ndiphakathi kweentlanga ezingekho phantsi komthetho kaMosis, ndiziphatha njengazo. Le nto ke ayithethi kuthi andiwuthobeli umthetho kaThixo, kuba eneneni ndiphantsi komthetho kaKrestu.
22 Xa ndiphakathi kwabantu abasephantsi kwesithethe ndiba njengabo, ukuze ndibazuze. Ngoko ke ndiba zizinto zonke kubantu bonke, ukuze ndiyisindise inxalenye yabo xa kunokwenzeka.
23 Le nto xa iyonke ndiyenza ngenxa yeendaba ezimnandi, khon' ukuze ndibe nenxaxheba kwiintsikelelo ezifumaneka ngenxa yazo.
24 Nani niyazi ukuba kukhuphiswano lweembaleki baba baninzi abazigqatsayo, kodwa mnye kuphela kubo ozuza imbasa. Nani ke balekelani ukuze nifumane imbasa.
25 Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.