14 ndide ndivusele amawethu ikhwele, ndiyisindise inxalenye yawo.
15 Kaloku xa ukulahlwa kwawo kuxolelanise ihlabathi noThixo, koba njani ukwamkelwa kwawo? Kofana novuko lwabafileyo!
16 Ukuba isonka sokuqala sentlama singcwalisiwe ngokwenziwa umnikelo, kwangokunjalo zingcwele zonke ezinye ezenziwe ngaloo ntlama. Ukuba iingcambu zomthi zingcwele, kwangokunjalo namasebe angcwele.
17 Inxalenye yamasebe omnquma yaqhuzulwa kwamiliselwa amasebe omnquma wasendle esiqwini sawo. Nina ke, zintlanga, ningaloo masebe omnquma wasendle. Nanikwa inxaxheba kwincindi yeengcambu eziphilileyo zomnquma.
18 Musa ke ukuziphakamisa kunamanye amasebe. Kakade ke wena ungaqhayisa ngantoni? Asinguwe kaloku othwele iingcambu, ziingcambu ezithwele wena!
19 Kodwa wena uya kuthi: “Aqhuzulwa amasebe, ukuze kumiliselwe mna.”
20 Unyanisile, aqhuzulwa ngenxa yokuba engakholwa, ke wena umi apho umiliselwe khona ngenxa yokuba ukholwa. Musa ke ukuba nekratshi, koko yoyika.