1 Ke kaloku ndimyaleza kuni udade uFibhi, oligosakazi kwibandla eliseKenkreya.
2 Mamkeleni egameni leNkosi njengokuba nifanele ukwenjenjalo ningabantu bakaThixo nje. Mncedeni emicimbini asukuba efuna uncedo lwenu kuyo, kuba naye ngokwakhe wanceda abantu abaninzi, endingomnye wabo nam lo.
3 Imibuliso kuPriska noAkwila, abasebenzela uKrestu Yesu njengam.
4 Kaloku bona bâbubeka esichengeni ubomi babo ngenxa yam, nto leyo ke ekungabuleli mna ndedwa kubo ngayo, koko kubulela nawo onke amabandla asezintlangeni.
5 Libuliseni kwanebandla elihlanganela endlwini yabo. Ndibuliseleni kuEpeneto, umhlobo wam othandekayo, owaba ngowokuqala ukukholwa kuKrestu eAsiya;
6 nindibulisele nakuMariya owabulaleka kakhulu ngenxa yenu.
7 Imibuliso kuAndroniko noJuniya, amawethu awayebanjwe kunye nam. Bona baxatyisiwe kakhulu *ngabathunywa bakaKrestu, kwaye bâkholwa kuKrestu ngaphambi kwam.