4 Kaloku bona bâbubeka esichengeni ubomi babo ngenxa yam, nto leyo ke ekungabuleli mna ndedwa kubo ngayo, koko kubulela nawo onke amabandla asezintlangeni.
5 Libuliseni kwanebandla elihlanganela endlwini yabo. Ndibuliseleni kuEpeneto, umhlobo wam othandekayo, owaba ngowokuqala ukukholwa kuKrestu eAsiya;
6 nindibulisele nakuMariya owabulaleka kakhulu ngenxa yenu.
7 Imibuliso kuAndroniko noJuniya, amawethu awayebanjwe kunye nam. Bona baxatyisiwe kakhulu *ngabathunywa bakaKrestu, kwaye bâkholwa kuKrestu ngaphambi kwam.
8 Ndibuliseleni kuAmpliyato, umhlobo wam othandekayo eNkosini.
9 Imibuliso ku-Urbhano, osebenzela uKrestu kunye nam, nakuStaki, umhlobo wam othandekayo.
10 Ndibuliseleni nakuApele ovavanyiweyo waza wafumaneka ethembekile kuKrestu. Imibuliso kwabakwa-Aristobhulo.