2 Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.
3 Ke wona umthetho wawungenako ukusikhulula, ngenxa yokonakala kwesimo sethu. Kodwa yena uThixo wamthumela uNyana wakhe, ekwisimo esifana nesimo sethu esonakeleyo, waza wasigweba isono emntwini wenyama negazi.
4 Le nto uThixo uyenzele ukuze injongo yomthetho izalisekiswe kuthi, thina singaphiliyo ngokwesimo esonakeleyo, koko siphila ngokoMoya.
5 Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.
6 Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.
7 Abo banyamekela izinto zesimo esonakeleyo baziintshaba zikaThixo, kuba kaloku abawuthobeli umthetho wakhe. Kakade abanako ukuyenza loo nto.
8 Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.