1 Mna ndingokaKrestu; ndithetha inyaniso, andixoki. Kwanesazela sam, silawulwa nguMoya oyiNgcwele, siyandingqinela ukuba andixoki.
2 Ndiselusizini olukhulu, ndaye ndinentlungu engapheliyo entliziyweni yam
3 ngenxa yamawethu amaSirayeli. Ewe, bendingade ndinqwenele ukuba mna ngokwam ndibe ngoqalekisiweyo nguThixo esikhundleni sawo, ndide ndahlukaniswe noKrestu.
4 AmaSirayeli la kaloku uThixo wawenza oonyana bakhe, wabubonakalisa kuwo nobuqaqawuli bakhe. Wenza iminqophiso nawo, wawanika umthetho neyona ndlela yonqulo, wawenzela kwanezithembiso.
5 Ayinzala *yamanyange, kwaye kuwo kwavela uKrestu ngokobuntu, yena owongamela konke, ongulo Thixo omakadunyiswe ngonaphakade. *Amen.
6 Le nto ke ayithethi kuthi ilizwi likaThixo lona ngokwalo litshitshile. Asingabo bonke kaloku abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli ncam.
7 Kananjalo asingabo bonke abazelwe nguAbraham abayinzala yakhe ncakasana. Kaloku uThixo wathi kuAbraham: “Inzala yakho ncam iya kuphuma kunyana wakho uIsake.”