10 Makabongwe oza kuvusa ulawulo lukaBawo uDavide! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke.”
11 UYesu ke wangena eJerusalem, wangena *nasendlwini kaThixo, wahamba ezibuka izinto zonke, wathi, ngenxa yokuba kwakusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.
12 Ngengomso, bakuba bephumile eBhetani, uYesu waziva elambile,
13 waza wathi, akuba ebone umkhiwane uthe qelele, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana siqhamo na kuwo. Akufika kuwo akafumananga nto ngaphandle kwamagqabi, kuba kwakungelilo ixesha lamakhiwane.
14 UYesu ke wathi kuwo umkhiwane: “Ze kungaze kutyiwe siqhamo kuwe naphakade!”Babesiva abafundi bakhe.
15 Bafika ke eJerusalem, uYesu waya kungena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa amahobe wazibhukuqa.
16 Wayengavumi ukuba kubekho bani ucanda endlwini kaThixo ethwele nokuba yintoni na.