7 Bayizisa inkonyana kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo, wakhwela.
8 Abaninzi ke bandlala iingubo zabo endleleni, bathi abanye bandlala amahlamvu abawakhe emasimini.
9 Abo babehamba ngaphambili nabo babelandela ngasemva babedanduluka besithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi!
10 Makabongwe oza kuvusa ulawulo lukaBawo uDavide! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke.”
11 UYesu ke wangena eJerusalem, wangena *nasendlwini kaThixo, wahamba ezibuka izinto zonke, wathi, ngenxa yokuba kwakusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.
12 Ngengomso, bakuba bephumile eBhetani, uYesu waziva elambile,
13 waza wathi, akuba ebone umkhiwane uthe qelele, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana siqhamo na kuwo. Akufika kuwo akafumananga nto ngaphandle kwamagqabi, kuba kwakungelilo ixesha lamakhiwane.