13 Kwathunyelwa ke kuYesu abathile *babaFarasi nabathile beqela *lamaHerode, ukuze bambambise ngamazwi.
14 Befikile ke bona, bathi kuye: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, ungenamkhethe, kuba akucengi bani, kodwa uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga; masiyirhole irhafu, singayirholi, kusini na?”
15 Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo: “Nindilingelani na? Ndiziseleni imali ndiyibone.”
16 Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”Bathi kuye: “NgokaKhesare.”
17 Waphendula ke uYesu, wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”Bamangaliseka yimpendulo yakhe.
18 Kweza *nabaSadusi kuYesu (bona bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza besithi:
19 “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi lowo.’