32 “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Nezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo.
33 Lumkani ke ningozeli, kuba anazi ukuba lofika nini na ixesha elo.
34 Kufana nomntu ohambeleyo eshiya indlu yakhe, aze azinike igunya izicaka zakhe, enika umsebenzi isicaka ngasinye, amyalele umgcinisango ukuba alinde.
35 Lindani ke, kuba ningâzi ukuba wofika nini na umninindlu. Kaloku angafika nanini na: nokuba kungolwemivundla, nokuba kusezinzulwini zobusuku, nokuba kungeenkuku zokuqala, nokuba kuxa kumpondo zankomo.
36 Lindani ke, hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.
37 Ke oko ndikuthethayo kuni, ndikutsho kubo bonke: Lindani!”