35 Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Yivani, ubiza uEliya.”
36 Wabaleka omnye, wazalisa imfunxa ngewayini emuncu, wayibeka engcongolweni, wamseza, esithi: “Kahleni, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.”
37 UYesu ke wakhala ngezwi elikhulu, waphuma umphefumlo.
38 Lathi ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo lakrazuka kubini, kususela phezulu kuye ezantsi.
39 Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”
40 Kwakukho nabafazi, bekhangele bemgama. Kubo apho kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi omncinci noYose, ekho noSalomi.
41 Bona bâmlandela uYesu eseseGalili, bemlungiselela. Kwakukho nabanye abafazi abaninzi ababenyuke naye ukuya eJerusalem.