37 UYesu ke wakhala ngezwi elikhulu, waphuma umphefumlo.
38 Lathi ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo lakrazuka kubini, kususela phezulu kuye ezantsi.
39 Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”
40 Kwakukho nabafazi, bekhangele bemgama. Kubo apho kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi omncinci noYose, ekho noSalomi.
41 Bona bâmlandela uYesu eseseGalili, bemlungiselela. Kwakukho nabanye abafazi abaninzi ababenyuke naye ukuya eJerusalem.
42-43 Kuthe ke kwakuba kuhlwile, kwafika uJosefu waseArimati. Yena wayelilungu elibekekileyo *leBhunga, elulindele naye ulawulo lukaThixo. Ekubeni ke kwakuyimini yokulungiselela (oko kukuthi umhla ophambi *kowokuPhumla), yena waya kungena ngobuganga kuPilato, wawucela umzimba kaYesu.
44 Wamangaliswa ke uPilato akuva ukuba uYesu selefile, waza wabiza umphathi-butho wamajoni, wambuza ukuba uYesu selenexesha na efile.