1 Kwakuba ntsuku, uYesu wabuyela eKapernahum; kwavakala ukuba usekhayeni lakhe.
2 Ke kwahlanganisana into eninzi yabantu, kwada akwabikho ndawo nangasemnyango.Kwathi ke xa uYesu wayesashumayela,
3 kwafika abantu, bezise kuye umntu ofe umzimba, ethwelwe ngabané.
4 Bakuba bengenakusondela kuYesu ngenxa yokuxinana kwendimbane, baqhaqhe uphahla ngakuloo ndawo wayekuyo. Begqobhozile ke, bamhlisa ngokhuko lowo ufe umzimba.
5 UYesu akulubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Nyana, izono zakho zixolelwe.”
6 Abachazi-mthetho abathile, ababekhona, bathi ezintliziyweni zabo: