11 ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.’ ”
12 Wavuka kwangoko ke, wathatha ukhuko, wemka. Bamangaliswa bonke, bemdumisa uThixo, besithi: “Asizange siyibone into enje!”
13 UYesu wabuya waphuma waya ngaselwandle. Kwaza ke kwahlanganisana isihlwele ngakuye, wasifundisa.
14 Wathi edlula wabona uLevi, unyana ka-Alifeyu, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Waphakama ke, wamlandela.
15 Kwathi, xa wayesitya kwaLevi, kwakho nento eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni, isitya ndawonye noYesu nabafundi bakhe, kuba babebaninzi, bemlandela.
16 Ke abachazi-mthetho beqela *labaFarasi, bakumbona esitya kunye nabaqokeleli-rhafu naboni, bathi kubafundi bakhe: “Yini na ukuba atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?”
17 Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni.”