18 Abafundi bakaYohane *nabaFarasi babezila ukutya. Ke abantu beza kuYesu, bathi kuye: “Kutheni abafundi bakaYohane nababaFarasi besoloko bezila ukutya nje, kanti bona abakho abazili?”
19 UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangakuzila na ukutya lo gama umyeni asekunye nabo? Nakanye! Ngalo lonke ixesha asephakathi kwabo umyeni, abangekhe bakuzile!
20 Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila.
21 “Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba ukuba uthe wenjenjalo, sofinyela, sisikrazule ngakumbi isambatho eso.
22 Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka ziphele iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha.”
23 Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla, abafundi bakhe basuka bakha izikhwebu zengqolowa.
24 Bathi ke kuye *abaFarasi: “Khawutsho, kungani na ukuba abafundi bakho benze okungavumelekanga ngoMhla woPhumlo?”