8 Kwangoko uYesu wazazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu?
9 Okukona kulula kukuphi na? Kukho ukuthi kofe umzimba: ‘Izono zakho zixolelwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho uhambe’?
10 Ke ukuze nazi ukuba *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba –
11 ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.’ ”
12 Wavuka kwangoko ke, wathatha ukhuko, wemka. Bamangaliswa bonke, bemdumisa uThixo, besithi: “Asizange siyibone into enje!”
13 UYesu wabuya waphuma waya ngaselwandle. Kwaza ke kwahlanganisana isihlwele ngakuye, wasifundisa.
14 Wathi edlula wabona uLevi, unyana ka-Alifeyu, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Waphakama ke, wamlandela.