33 UYesu wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi elolu hlobo, ebafundisa kangangoko babenako ukuqonda.
34 Ebethetha nabo ngemizekeliso kuphela, kodwa akuba yedwa nabafundi bakhe wayebacacisela yonke into.
35 Kwangaloo mini ngokuhlwa uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiwele siye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.”
36 Basishiya ke isihlwele, bemka noYesu esesikhitshaneni apho, kukho nezinye izikhitshana.
37 Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi.
38 UYesu wayephakathi esikhitshaneni, ethathe umqamelo walala ubuthongo. Bamvusa ke, bathi kuye: “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?”
39 Wavuka ke, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle: “Yithi cwaka, uzole.” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.