1 Bafika phesheya koLwandle lwaseGalili, kummandla welaseGerasa.
2 Akuba uYesu ephumile esikhitshaneni, wahlangatyezwa ngumntu onendimoni, esuka emangcwabeni,
3 apho wayehlala khona. Ke kwakungekho bani unako ukumbopha nangamatyathanga.
4 Wayemana ebotshwa ngamakhamandela nangamatyathanga, kodwa awaqhawule amatyathanga, awakroboze namakhamandela. Kwakungekho bani unako ukumthoboza.
5 Wayesithi ubusuku nemini ahlale ezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezixuzula ngamatye.