8 Wayesitsho kuba uYesu wayethe kuye: “Phuma kuloo mntu, ndimonindini.”
9 UYesu ke wambuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?” Waphendula esithi: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.”
10 Watsho ebongoza uYesu ukuba iindimoni ezo angazigxothi zimke kwelo zwe.
11 Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho ngasentabeni;
12 zaza iindimoni ezo zambongoza uYesu, zisithi: “Sithumele ezihagwini, singene kuzo.”
13 Wazivumela ke; zaza zaphuma iindimoni, zaya kungena ezihagwini. Ke umhlambi lowo, owawumalunga namawaka amabini eehagu, waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.
14 Bathe ke abo babezalusa ezi hagu babaleka, bakuxela edolophini nasemaphandleni okwenzekileyo. Baphuma ke abantu baya kubona oko kwenzekileyo.