11 Ukuba nithe nafika endaweni apho sukuba ningàmkelwa khona, okanye ningàphulaphulwa nokuphulaphulwa oku, mkani apho, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”
12 Baphuma ke, bashumayela besithi abantu mabaguquke.
13 Bakhupha iindimoni ezininzi, bayithambisa ngeoyile imilwelwe emininzi, bayiphilisa.
14 Wakuva ke oko ukumkani uHerode, kuba igama likaYesu lalithe laduma, kusithiwa: “UnguYohane umbhaptizi ovusiweyo kwabafileyo; kungoko ayenzayo le mimangaliso.”
15 Abanye babesithi: “ÚnguEliya;” abanye besithi: “*Úngumshumayeli ofana nabashumayeli bamandulo.”
16 Ekuvile ke oko uHerode, wathi: “Lo nguYohane, lowa ndamnqumla intloko. Naku evukile ngoku!”
17 Kuba uHerode ngokwakhe wayethumele ukuba abanjwe uYohane, afakwe entolongweni. UHerode wakwenza oku ngenxa kaHerodiya awayethe wamzeka nangona angumka-Filipu, umninawe wakhe.